- Title
- Uphononongo lwemiba yentlalo inkcubeko noburharha ephembelela ababhali kuthiyo lwabalinganiswa kwiincwadi zedrama zesiXhosa ezichongiweyo
- Creator
- Kapa, Nompumelelo
- Subject
- Characters and characteristics in literature Xhosa drama
- Date
- 2018
- Type
- Thesis
- Type
- Doctoral
- Type
- DPhil
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10353/8440
- Identifier
- vital:32795
- Description
- Olu phando luzakuqwalasela iimeko abathi bazilandele ababhali xa bathiya abalinganiswa phantsi kweemeko zenkcubeko noburharha, kwakunye nokubaluleka kwalo gabalala. Oku kuzakwenziwa kuboniswa nenxaxheba elithi liyidlale ebomini. Kuza kuhlalutywa ezi ncwadi zilandelayo:Amaza ngokubhalwe ngu-Z.S. Qangule, Buzani kuBawo ngu-W.K.Tamsanqa Akwaba ng-T.Ntwana, Iziphumo Zodendo ngu-L.E.Menze, Emgxobhozweni ngu-B.B.Mkonto, Yeha Mfazi Obulala Indoda ngu-L.L.Ngewu, Hay’Ukuzenza ngu-C.F.Jaji. Kwezi ncwadi kuzakuhlalutywa iimeko ezilandelwa ngababhali xa bethiya abalinganiswa kunye nendima edlalwa ligama lo mlinganiswa ngamnye ebalini, oku kuza kubonisa indlela ekuthiywa ngayo ekuhlaleni kwakunye nokubaluleka kwegama kumnini lo. Isahluko sokuqala sizakunika amagqabantshintshi ngolu phando. Esi sahlukosiqulathe oku kulandelayo:Ingabula zigcawu ngophando• Imvelaphi ngentsusa yokuthiywa kwegama• Iinjongo zolu phando• Okunye okufunyenweyo kolu phando• Indlela oluza kuqhutywa ngayo olu phando• Iingxaki zolu phando• Imibuzo yolu phando• Amagqabantshintshi ngezahluko zoluphando Isahluko sesibini siqwalasele ithiyori ezakuthi isetyenziswe kolu phando . Oku kwenziwa ngokuthi kuqwalaselwe ukuba bathini abanye ababhali ngothiyo. Isahluko sesithathu luphononongo lwabalinganiswa kwincwadi nganye kwezichongiweyo, kulandelwa inkcubeko neemeko zasekuhlaleni . Isahluko sesine sijonge ubugcisa boburharha obulandelwe ngababhali xa bathiya abalinganiswa, kwiincwadi ezichongiweyo, kwakunye nendima ethi edlalwe ngabalinganiswa ebalini. Isahluko sesihlanu nesisesokugqibela, siveza ulwazi oluthe lwafumaneka kuthiyo ngqo, luthelekisa nothiyo ezincwadini,sishwankathela iziphumo zophando.
- Format
- 174 leaves
- Format
- Publisher
- University of Fort Hare
- Publisher
- Faculty of Social Sciences and Humanities
- Language
- English
- Rights
- University of Fort Hare
- Hits: 2039
- Visitors: 3162
- Downloads: 2639
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | MY THESIS 2018 PDF.pdf | 3 MB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |