Uphicotho nzulu lokusetyenziswa kwamandla eempawu zesimiyotiki kwiinoveli ezichongiweyo zesiXhosa
- Authors: Mvanyashe, Andiswa
- Date: 2018
- Subjects: Semiotics , Xhosa literature -- Research Folk literature, Xhosa
- Language: Isixhosa
- Type: Thesis , Doctoral , DPhil
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/32916 , vital:32397
- Description: Olu phando lungesimiyotiki, oko ukutsho, ufundo-nzulu ngeempawu nemiqondiso. Le ngcingane yesimiyotiki ithi ixhaswe yingcingane yesemantiki, yesintaksi, neyepragmatiki kolu phando. Ezi ngcingane ziyahambisana kuba zonke zinento enye ezifana ngayo, ukushukuxa intsingiselo yeempawu nemiqondiso ngokwahlukana kwayo. Isimiyotiki ithi isetyenziswe ukuhlalutya ezi ncwadi zintathu zilandelayo zaba babhali: ekaJordan (1940) ethi Ingqumbo Yeminyanya, Ukuqhawuka kwembeleko nguD.M Jongilanga (1982) noUkuba ndandazile nguW.K Tamsanqa (1976). Uphando luthe lwahlulwa ngezihloko ezithandathu; isihloko sokuqala sinika ingcaciso yophando luphela; isihloko sesibini singena nzulu sicacise ingcingane esetyenzisiweyo yesimiyotiki kunye nezo ziyixhasayo; kwisihloko sesithathu kushukuxwa isimiyotiki nenkcubeko; kwisihloko sesine kushukuxwa isimiyotiki nemo yokumila; kwisihloko sesihlanu kushukuxwa isimiyotiki nepragmatiki; kwisihloko sesithandathu kushwankathelwa okanye kuququnjelwe yonke into - into ethe yaqhubeka kolu phando kunikwa neengcebiso eluntwini. Uphando luphela luzivelele iinkalo ezininzi zesimiyotiki kwaye lwaphendula nemibuzo yophando, lwafezekisa iinjongo zophando, lwafaka nomceli-mngeni kwabanye abaphandi abasaza kuphanda ngesimiyotiki. Kolu phando inkcubeko ibonakele kakhulu ukuba yinxenye yesimiyotiki kuba ibonisa imiqondiso neempawu ezinika intsingiselo.
- Full Text:
- Date Issued: 2018
Uphononongo lokuchubeka kwezimo zabalinganiswa kwiincwadi ezichongiweyo zedrama zesiXhosa
- Authors: Mvanyashe, Andiswa
- Date: 2011
- Subjects: Xhosa drama , Characters and characteristics in literature
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8450 , http://hdl.handle.net/10948/1409 , Xhosa drama , Characters and characteristics in literature
- Description: Le ngxoxo iza kuthetha ngengcingane yokuchubeka. Phantsi kwengcingane yokuchubeka kuza kuthi kuxoxwe ngezi zinto ziladelayo: ukuchubeka lungileyo kunye nokuchubeka gwenxa, ubuso (imvakalelo), izaci zokuchubeka, ukuchubeka nesini kunye nokuchubeka namandla okanye igunya. Ezi zihloko zingaphantsi ziza kubonakaliswa phantsi kwecandelo lesibini ukuya kwelesine ze isahluko sesihlanu ibe sesokukuqukumbela. Ukuchubeka kufumaneka phantsi kwezifundo zesoshiyolingwistiki. Ingxoxo iza kuthi iqale icacise ngesoshiyolingwistiki. Ukuchubeka kuphuhla kakuhle xa isithethi sisebenzisa amagama entetho-ntshukumo anje ngokuncoma, ukuhlekisa, ukuxolisa njalo-njalo. Ingxoxo iza kuthi inabe nzulu ngengcingane yentetho-ntshukumo. Iza kuphinda ingene nzulu icacisa igama elinentshukumo ngalinye. Le ngxoxo ithi ijonge kwaye iphendule umbuzo othi ingaba ngoobani abachubekileyo kukho amadoda nabantu ababhinqileyo. Lo mbuzo uthi ukhokhelele ingxoxo ekuxoxeni ngesini. Ingcingane yesini iza kuthi isetyenziswe ekuphenduleni lo mbuzo kwaye iza kucaciswa nzulu. Kuyabonakala okokuba apha ekuchubekeni bakhona abantu abachubeka ngenxa yezizathu ezithile. Izizathu ezifana nokuthobela amagunya, ukoyika lo mntu athetha naye, ukuhlonipha njalo-njalo.
- Full Text:
- Date Issued: 2011