[iLahleko - Loss]
- Authors: Qhali, Itumeleng
- Date: 2021-10-29
- Subjects: Creative writing (Higher education) South Africa , Xhosa poetry 21st century , South African poetry (English) 21st century , Short stories, South African (English) 21st century , Loss (Psychology) in literature , Poetry History and criticism , Bilingual authors , Bilingualism and literature , Bilingualism in literature
- Language: English , Xhosa
- Type: Master's theses , text
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/191825 , vital:45169
- Description: My thesis is a collection of poems and prose that explores the disjunction of losses for women and children across the two languages I inhabit, isiXhosa and English. Ukulahlekelwa lithemba, ukudukelwa yingqondo, ukholo, ubuwena, umzimba nothando. For me, isiXhosa captures the innate musicality and deep emotions within a word or a sound that are not available in English. On the other hand, English readily produces visceral images that are more difficult for me to access in isiXhosa. Kolu phononongo ndikwasebenzisa namagama emboleko ukuze ndikhulise isigama. Ndisebenzisa amagama azibeka zinjalo iimvakalelo, angqalileyo kuncwadi lwesiXhosa. Ndisebenzisa zombini ilyric form kunye neprozi ngenxa yesingqi esiphuhliswa yilyric, nangenxa yenkululeko umbali ayifumanayo kwiprozi. As a bilingual writer ndifuthelwe sisingqi nobunzulu bentlungu obufumaneka in the translated and bilingual works of Isabella Motadinyane, noMarina Ivanovna Tsvetaeva, imibongo yeDaikwan eguqulwe nguStephen Watson ethi Song of the Broken String; iimbongi zespanish ezinjengo Antonia Machado; ngendlela abasebenzisa ngayo ulwimi lwabo ukunabisa nokugqithisa umyalezo ngeentlungu abadibana nazo, bakwanaso nesingqi somculo othuthuzelayo kwimibongo yabo. The structure of my thesis is inspired by the innovative mixed genre layout of Sindiswa Busuku-Mathese’s Loud and Yellow Laughter, and the new formats of isiXhosa writing presented in Mthunzikazi Mbugwana’s poetry. My work has also been shaped by the visceral imagery and briefly captured moments of loss in imisebenzi ka S.S Mema, Nontsizi Mgqwetho, noPascale Petit, novangile gantsho. Imisebenzi yabo ikuzobela umfanekiso ngqondweni ophilayo. Bonke abababhali bahambe indlela endinika umdla nendifuna ukuyihamba nam njengombhali omtsha obhala ngeelwimi ezimbini. , My thesis is a collection of poems and prose that explores the disjunction of losses for women and children across the two languages I inhabit, isiXhosa and English. For me, isiXhosa captures the innate musicality and deep emotions within a word or a sound that are not available to me in English. On the other hand, English readily produces visceral images that are more difficult for me to find in isiXhosa. My poems use the music and introspection of the lyric form, as well as the emotional outpouring that prose poetry allows. As a bilingual writer, I am influenced by the transference of musicality and gravity of loss conveyed in the translated and bilingual work of Isabella Motadinyane, the Russian Marina Tsvetaeva, Stephen Watson’s Song of the Broken String, as well as the Spanish poets Antonio Machado. The structure of my thesis is inspired by the innovative mixed genre layout of Sindiswa Busuku-Mathese’s Loud and Yellow Laughter, and the new formats of isiXhosa writing presented in Mthunzikazi Mbugwana’s poetry. My work has also been shaped by the visceral imagery and briefly captured moments of loss in the work of South African poets vangile gantsho, S.S. Mema, and Nontsizi Mgqwetho, as well as the English poet, Pascale Petit. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanitites, School of Languages and Literatures, 2021
- Full Text:
- Date Issued: 2021-10-29

Ubomi Sisilonda: Ingqokelela Yemibongo
- Authors: Manxiwa, Mzuvukile
- Date: 2021-10-29
- Subjects: Xhosa poetry 21st century , Xhosa poetry History and criticism , Buzani, Nompumezo Criticism and interpretation , Gwala, Mafika Pascal, 1946-2014 Criticism and interpretation , Xhosa language Rhythm , Xhosa language Rhyme , Creative writing (Higher education) South Africa
- Language: Xhosa
- Type: Master's theses , text
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/192265 , vital:45210
- Description: Le thisisi igxila kwiintlobo ngeentlobo zokubhala imibongo. Iqamele kakhulu kwilinge lokubhodla isingqala isebenzisa isandi sengoma yesiNtu komameleyo, oko kukuthi isondele kwi-lyric poetry ngolwasemzini. Oku kufezwe ngokusebenzisa isingqisho, imfano-zandi, imvano-siqalo nemvano-siphelo, njalo njalo. Iinjongo zale thisisi kukongeza kuncwadi lwesiXhosa nakwinkcubeko yesiNtu, nokuhlab’ ikhwelo elikhuthaza uluntu ukuba lubuyele kwinkcubeko yesiNtu, ukuhlonipha imo-ntlalo yabo nokuxabisa abantu ababhinqileyo. Umbali ophum’ izandla kuncwadi lwesiXhosa, uNompumezo Buzani, umsebenzi wakhe ngakumbi kwenye yeencwadi zakhe ethi Imida, ube nefuthe elikhulu kulo msebenzi, ngakumbi indlela athe walusebenzisa ngayo ulwimi; ngesimbo seli xesha ukudlulisa umyalezo ngolwimi oluqhelekileyo, lungafihlakali kodwa lube namandla okudlwengula umxhelo kulowo ufundayo. Ndeyame nakwincwadi kaNgcwabe, uKhala Zome; undikhumbuzile ngemibongo yakhe eyayame kakhulu kwimo yentlalo yamandulo, kunye nemibongo kaMafika Gwala kuJolinkomo, efana nale: The Children of Nonti kunye noThe Shebeen Queen. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021

Kwelo lizwe leentsomi : iintsomi zesiXhosa
- Authors: Sigcau, Bulelwa Monica
- Date: 2021-04
- Subjects: Creative writing (Higher education) -- South Africa , Xhosa fiction -- 21st century , Diaries -- Authorship , Short stories, Xhosa -- 21st century , African fiction -- History and criticism , English fiction -- History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: thesis , text , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/178270 , vital:42926
- Description: Ukuphosa kuvimba wolwazi ngeentsomi zesiXhosa, le thisisi iqulathe iintsomi-mabali eziqanjwe zabaliswa kusetyenziswa ulwimi, umxholo nemixholo engenelelayo engeziganeko zemihla ngemihla, abalinganiswa, isakhiwo sentsomi nesimo sentlalo zala maxesha siphila kuwo. Ezi ntsomi zixhaswa kakhulu yimifanekiso ephilayo, ukusetyenziswa kwemigca emifutshane ezoba isimo sentlalo nevakala ingathi yimibongo ngenxa yokuqupha kwayo. Umsebenzi kaR.F. Mcimeli, kwincwadi ethi, Ingqaka kaMaqhudeni iqulethe iintsomi ezisondeleyo kwezi ziqanjwe kulo msebenzi, ngakumbi iintsomi ezizezi, uNomvula noNomvulazana, uDumisani nesigebenga esingabonwayo, uNomaciko noCikokazi, nezinye. Umsebenzi kaNongenile Masithathu Zenani (2006) oqokelelwe nguHarold Scheub kwincwadi ethi South African voices: A long time passed ube negaleloo elikhulu ukubonisa indima esele idlaliwe kwiintsomi zesiXhosa. UKholeka Sigenu (2002) kwincwandi ethi Ezakowethu naye ube nefuthe kwindlela ezi ntsomi eziqanjwe ngayo nokuqinisekisa ukuba ngenene zongeza ulwazi olutsha. Ezi ntsomi-mabali zibhentsise okulungileyo nokuhenxayo ngaphandle kokushumayela nokuveza abalinganiswa njengeengilosi. Ndiluthande kakhulu nohlobo lukaAmos Tutuola lokubhala, ndizame ukusondeza uhlobo lwam lokubhala kolu hlobo lukaAmos Tutuola. Ndilandele ifuthe lohlobo lokubhala olubizwa ngeflash fiction. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021
- Full Text:
- Date Issued: 2021-04

Ndiyazi ukuba ndiza kufa njani : ingqokelela yemibongo
- Authors: Mdliva, Mqhubi Given
- Date: 2021-04
- Subjects: Creative writing (Higher education) -- South Africa , Xhosa poetry -- 21st century , Xhosa poetry -- History and criticism , Diaries -- Authorship , Xhosa fiction -- 21st century
- Language: Xhosa
- Type: thesis , text , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/178295 , vital:42928
- Description: Le mibongo inyathela kwizinto ezitsarhayo; ukufa, ukukhula kweziganeko ezingobundlobongela obuphathelele kwezesondo nesini, kubulawa abantwana namanina ngamadoda norhwaphilizo olugqugqisayo. Lo msebenzi uphonononga ukwavavanya ukusetyenziswa kweempawu zokubhala kungalandelwa miqathango yokubhala koko kusetyenziswa ezi mpawu njengezixhobo zokuphuhlisa iimvakalelo zembongi. Ezi mpawu ziquka iidesh, iikholoni, iisemikholoni ukuqelelaniswa kwamagama kukwashiywa nezikhewu phakathi kwamagama kukhokelwa ngumoya wemibongo. Oku kubangele ukuba le mibongo ibe nezakhiwo ezahlukileyo nezingaqhelekanga kubhalo lwesiXhosa. Oko kukuthi, lo msebenzi utyebisa uncwadi lwesiXhosa ngokukwandisa kule ndlela ingaqhelekanga yokubhala. Umsebenzi kaSt E.P. Yako ube nefuthe kakhulu kulo msebenzi, ngakumbi indlela alusebenzise ngayo ulwimi oluteketeke zizafobe nemifanekiso ukubhala imibongo njengoko enzile kumbongo othi, Izibongo zikaMhlekazi uArchie Sandile. Kumbhali uMarina Tsvetaete kubolekwe indlela ayisebenzise ngayo imifanekiso kumbongo osihloko sithi, Poems for Block kuba udubula ngegama uthi thaa umfanekiso kwingqondo yomfundi. Isimbo sokuyila isakhiwo sombongo sikaSimphiwe Nolutshungu naso sibe nefuthe kule mibongo, kwaye le thisisi yandisa apho lo kaNolutshungu aphele khona ngakumbi kwindlela asebenzise ngayo iimpawu zokubhala. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021

- «
- ‹
- 1
- ›
- »