Kwelo lizwe leentsomi : iintsomi zesiXhosa
- Authors: Sigcau, Bulelwa Monica
- Date: 2021-04
- Subjects: Creative writing (Higher education) -- South Africa , Xhosa fiction -- 21st century , Diaries -- Authorship , Short stories, Xhosa -- 21st century , African fiction -- History and criticism , English fiction -- History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: thesis , text , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/178270 , vital:42926
- Description: Ukuphosa kuvimba wolwazi ngeentsomi zesiXhosa, le thisisi iqulathe iintsomi-mabali eziqanjwe zabaliswa kusetyenziswa ulwimi, umxholo nemixholo engenelelayo engeziganeko zemihla ngemihla, abalinganiswa, isakhiwo sentsomi nesimo sentlalo zala maxesha siphila kuwo. Ezi ntsomi zixhaswa kakhulu yimifanekiso ephilayo, ukusetyenziswa kwemigca emifutshane ezoba isimo sentlalo nevakala ingathi yimibongo ngenxa yokuqupha kwayo. Umsebenzi kaR.F. Mcimeli, kwincwadi ethi, Ingqaka kaMaqhudeni iqulethe iintsomi ezisondeleyo kwezi ziqanjwe kulo msebenzi, ngakumbi iintsomi ezizezi, uNomvula noNomvulazana, uDumisani nesigebenga esingabonwayo, uNomaciko noCikokazi, nezinye. Umsebenzi kaNongenile Masithathu Zenani (2006) oqokelelwe nguHarold Scheub kwincwadi ethi South African voices: A long time passed ube negaleloo elikhulu ukubonisa indima esele idlaliwe kwiintsomi zesiXhosa. UKholeka Sigenu (2002) kwincwandi ethi Ezakowethu naye ube nefuthe kwindlela ezi ntsomi eziqanjwe ngayo nokuqinisekisa ukuba ngenene zongeza ulwazi olutsha. Ezi ntsomi-mabali zibhentsise okulungileyo nokuhenxayo ngaphandle kokushumayela nokuveza abalinganiswa njengeengilosi. Ndiluthande kakhulu nohlobo lukaAmos Tutuola lokubhala, ndizame ukusondeza uhlobo lwam lokubhala kolu hlobo lukaAmos Tutuola. Ndilandele ifuthe lohlobo lokubhala olubizwa ngeflash fiction. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021
- Full Text:
- Date Issued: 2021-04
Ndiyazi ukuba ndiza kufa njani : ingqokelela yemibongo
- Authors: Mdliva, Mqhubi Given
- Date: 2021-04
- Subjects: Creative writing (Higher education) -- South Africa , Xhosa poetry -- 21st century , Xhosa poetry -- History and criticism , Diaries -- Authorship , Xhosa fiction -- 21st century
- Language: Xhosa
- Type: thesis , text , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/178295 , vital:42928
- Description: Le mibongo inyathela kwizinto ezitsarhayo; ukufa, ukukhula kweziganeko ezingobundlobongela obuphathelele kwezesondo nesini, kubulawa abantwana namanina ngamadoda norhwaphilizo olugqugqisayo. Lo msebenzi uphonononga ukwavavanya ukusetyenziswa kweempawu zokubhala kungalandelwa miqathango yokubhala koko kusetyenziswa ezi mpawu njengezixhobo zokuphuhlisa iimvakalelo zembongi. Ezi mpawu ziquka iidesh, iikholoni, iisemikholoni ukuqelelaniswa kwamagama kukwashiywa nezikhewu phakathi kwamagama kukhokelwa ngumoya wemibongo. Oku kubangele ukuba le mibongo ibe nezakhiwo ezahlukileyo nezingaqhelekanga kubhalo lwesiXhosa. Oko kukuthi, lo msebenzi utyebisa uncwadi lwesiXhosa ngokukwandisa kule ndlela ingaqhelekanga yokubhala. Umsebenzi kaSt E.P. Yako ube nefuthe kakhulu kulo msebenzi, ngakumbi indlela alusebenzise ngayo ulwimi oluteketeke zizafobe nemifanekiso ukubhala imibongo njengoko enzile kumbongo othi, Izibongo zikaMhlekazi uArchie Sandile. Kumbhali uMarina Tsvetaete kubolekwe indlela ayisebenzise ngayo imifanekiso kumbongo osihloko sithi, Poems for Block kuba udubula ngegama uthi thaa umfanekiso kwingqondo yomfundi. Isimbo sokuyila isakhiwo sombongo sikaSimphiwe Nolutshungu naso sibe nefuthe kule mibongo, kwaye le thisisi yandisa apho lo kaNolutshungu aphele khona ngakumbi kwindlela asebenzise ngayo iimpawu zokubhala. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021
- Full Text:
- Date Issued: 2021-04
Poppehysie
- Authors: Arendse, Ashwin Albert
- Date: 2021-04
- Subjects: Kaaps , Creative writing (Higher education) -- South Africa , Diaries -- Authorship , Afrikaans poetry -- 21st century , African literature -- History and criticism
- Language: Afrikaans
- Type: thesis , text , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/178259 , vital:42925
- Description: My thesis, is geskryf in Swartlandse Kaaps, ’n streeksvariant van Kaaps. Die poems is free verses wat afspeel tien ie backdrop van Malmesbury en Stellenbosch se “Coloured areas” mette analysis van dialect en ideolect wat eie is annie mense wat ampe altyd feature innie stories wat ek vertel. Die thesis explore die liefde asse konsep. Dit kyk na hoe die desperate need vi absent liefde ’n toxic relationship feed tussen ’n jong couple ennie destructive impact van liefde oppe pesoon wie nooit geleer was hoe om lief te wies vi annes ie. Dan kyk ek oek na hoe die previous generations, dit van my ma en pa liefde reject et asse unaffordable excess inne community wat brutal en harsh is. Antonio Gramsci se konsep vannie organic intellectual, dien asse philosophical underpinning virrie thesis d.w.s die hoofkarakter dien asse orator virrie intellectual en cultural insights wattie everyman in sy community nie self kan express ie. Die organic intellectual express díe thoughts innie cultural taal van sy social class. Die thesis explore stories soes it vetel wôd dee mense soes my oupa en mense wattie altyd aware is dat hulle stories in hulle in hettie. In dai way val it tot some degree binne die terrain van oral traditions. Die thesis wil dip into die collective conscious vanne social group wat die worst aspects van liewe in Syd-Afrika experience et. Ek voel free verse is ie ideal form van expression vi my in regards tot die skryf van die thesis, omdat ek daamee die line successfully kan blur tussen ie ‘language of the people’ en my eie individual leaning toward poetic language en forms. In terms van style draw ek op vorige digbundels in Kaaps, most notably op Nathan Trantraal se baie controlled, free verse digbundel, ‘Alles het niet kom wôd,’en Ronelda S. Kamfer se technique van ‘oorvertel’, in haa digbundel ‘grond/Santekraam’. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021
- Full Text:
- Date Issued: 2021-04